African Language Literature Hibbard Publishers

Libambe lingatshoni Ncedile Saule

2017 first edition;

Kule noveli kucukaniswe ndaweninye iingxaki ezazisakudla, ezisawudlayo neziseza kuwudla umzi oNtsundu. Zithi xa zicazululwayo kukhutshwa imicu ngemicu, kuvele iinyani ezazifihliwe ukususela kwiimfazwe zamzuzu phakathi kwamaXhosa kunye namagwangqa angabangeneleli. Libali elibaliswa likhokelise imingxilo ngemingxilo yempilo yale mihla ithungelana ngeengcinga neziganeko zakudala ezihambelana nentetho yamanyange ethi, 'nok'inyok'ifileyo, ithambo layo limhlaba umntu afe.' Kungeso sizathu athi uZithembile, umfo wasemaZotshweni azifumane ekwemnyama yona intsunguzi ngokusuka umfazi wakhe intombi yasemaTshaweni, iqhawule, iwubaleke umzi wayo. Kuthe kanti oko kuvulela ithuba lokuba uZithembile azokuhlangana ngebhaqo noThembeka othwele ubungqina obusesitshixweni awasigciniswa nguyisemkhulu, ubungqina bokubulawa kookhoko ngamagwangqa ukuze nje izizukulwana ezingabo zilale ngengubo yobuhlwempu iminyaka le. Umlo uqhuqhumba ubheke phezulu, uthi apho wethe khona, liphume ilizwi lisithi, buyisani umhlaba wookhokho bethu maselandini!